14. Ulontshulisela iinkomo utyani,Nomfuno wokunceda umntu;Ukuze kuphume isonka emhlabeni.
15. Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu;Bukhazimle ubuso ngeoli,Isonka siyixhase intliziyo yomntu.
16. Iyahlutha imithi kaYehova,Imisedare* yaseLebhanon awayityalayo,
17. Apho zakhela khona iintaka;Ingwamza, isemisipresini* indlu yayo.
18. Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo,Amawa azĂmela iimbila.
19. Inyanga wayenzela amaxesha ayo,Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.