2. Mbonge uYehova, mphefumlo wam,Ungayilibali yonke impatho yakhe entle:
3. Uloxolela bonke ubugwenxa bakho;Ulophilisa zonke izifo zakho;
4. Ulokhulula ubomi bakho esihogweni,Akuthi jize ngenceba nemfesane;
5. Lo uwuzalisayo umlomo wakho ngento elungileyo,Buhlaziyeke ubutsha bakho njengobokhozi.
6. NguYehova umenzi wemisebenzi yobulungisa,Nezigwebo ngenxa yabacudisiweyo bonke;
7. Umazisi weendlela zakhe kuMoses,Wezenzo zakhe ezincamisayo koonyana bakaSirayeli.
8. Unemfesane enobabalo uYehova,Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.
9. Akaphiki kuphele,Akawugcini umsindo ngonaphakade.
10. Akenzi kuthi ngokwezono zethu,Akasiphathi ngokobugwenxa bethu;
11. Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba,Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;
12. Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga,Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;
13. Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana,Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.
14. Ngokuba ùyakwazi yena ukubunjwa kwethu,Ekhumbula ukuba siluthuli.
15. Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe;Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe.
16. Xa uthe umoya wadlula kuyo, ayibikho,Ingabi sazana nayo indawo yayo.