Iindumiso 103:12-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga,Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;

13. Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana,Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.

14. Ngokuba ùyakwazi yena ukubunjwa kwethu,Ekhumbula ukuba siluthuli.

15. Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe;Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe.

Iindumiso 103