Iindumiso 103:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba,Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;

12. Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga,Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;

13. Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana,Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.

14. Ngokuba ùyakwazi yena ukubunjwa kwethu,Ekhumbula ukuba siluthuli.

15. Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe;Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe.

16. Xa uthe umoya wadlula kuyo, ayibikho,Ingabi sazana nayo indawo yayo.

17. Ke yona inceba ka Yehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni,Nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana;

18. Kwabawugcinileyo umnqophiso wakhe,Kwabazikhumbulayo iziyalezo zakhe ukuba bazenze.

19. UYehova uyizinzisile emazulwini itrone yakhe,Ubukumkani bakhe bulawula into yonke.

20. Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe,Magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe,Ephulaphula isandi selizwi lakhe.

21. Mbongeni uYehova, nonke mikhosi yakhe,Balungiseleli bakhe, benzi bokuthanda kwakhe.

22. Mbongeni uYehova, nonke zenzo zakhe,Ezindaweni zonke zobukumkani bakhe.Mbonge uYehova, mphefumlo wam.

Iindumiso 103