1. Mbonge uYehova, mphefumlo wam,Ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kwam.
2. Mbonge uYehova, mphefumlo wam,Ungayilibali yonke impatho yakhe entle:
3. Uloxolela bonke ubugwenxa bakho;Ulophilisa zonke izifo zakho;
4. Ulokhulula ubomi bakho esihogweni,Akuthi jize ngenceba nemfesane;
5. Lo uwuzalisayo umlomo wakho ngento elungileyo,Buhlaziyeke ubutsha bakho njengobokhozi.
6. NguYehova umenzi wemisebenzi yobulungisa,Nezigwebo ngenxa yabacudisiweyo bonke;
7. Umazisi weendlela zakhe kuMoses,Wezenzo zakhe ezincamisayo koonyana bakaSirayeli.
8. Unemfesane enobabalo uYehova,Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.
9. Akaphiki kuphele,Akawugcini umsindo ngonaphakade.
10. Akenzi kuthi ngokwezono zethu,Akasiphathi ngokobugwenxa bethu;
11. Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba,Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;