3. Ngokuba iyaphela imihla yam njengomsi;Amathambo am avutha njengeziko.
4. Ibethwé yoma njengomfuno intliziyo yam,Ngokuba ndilibele nokudla ukudla kwam.
5. Ngenxa yezwi lokugcuma kwamAmathambo am atshele enyameni yam.
6. Ndifana nengcwangube yentlango,Ndinjengesikhova sasemanxoweni.
7. Andilali;Ndinjengentaka eyodwa phezu kwendlu.
8. Imini yonke ziyandingcikiva iintshaba zam,Abandigezelayo bathuka ngam.
9. Ngokuba ndidlé uthuthu njengesonka,Into endiyiselayo ndiyiphithikezé nezililo,
10. Ngenxa yokubhabhama kwakho noburhalarhume bakho;Ngokuba ùndifunqule wandilahla.
11. Imihla yam injengokoluka kwamathunzi;Mna ndomile njengomfuno.
12. Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade,Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.
13. Ùya kusuk' ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane;Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo.
14. Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo,Uthuli lwayo banofefe ngalo.
15. Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova,Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;
16. Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova,Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.
17. Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo,Àkawudela umthandazo wabo.
18. Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo,Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.
19. Ngokuba úqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele;Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,
20. Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo,Abakhulule oonyana bokufa;