Iindumiso 102:17-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo,Àkawudela umthandazo wabo.

18. Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo,Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.

19. Ngokuba úqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele;Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,

20. Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo,Abakhulule oonyana bokufa;

21. Bancokole eZiyon ngegama likaYehova,Ngendumiso yakhe eYerusalem;

Iindumiso 102