13. Ùya kusuk' ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane;Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo.
14. Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo,Uthuli lwayo banofefe ngalo.
15. Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova,Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;
16. Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova,Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.
17. Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo,Àkawudela umthandazo wabo.
18. Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo,Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.
19. Ngokuba úqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele;Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,
20. Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo,Abakhulule oonyana bokufa;
21. Bancokole eZiyon ngegama likaYehova,Ngendumiso yakhe eYerusalem;
22. Ekubuthelaneni kwezizwe ndawonye,Nezikumkani, ukuba zikhonze uYehova.
23. Úwathobile endleleni amandla am,Uyinqamle imihla yam.
24. Ndithi, Thixo wam, musa ukundisusa phakathi kwemihla yam.Ikwizizukulwana ngezizukulwana iminyaka yakho.
25. Waliseka kudala ihlabathi;Lisisenzo sezandla zakho izulu.
26. Ezo zinto ziya kudaka, wena ke ume;Zona zonke ziya konakala njengengubo,Wòzigugisa njengesambatho, ziguge;
27. Ke wena uhleli unguwe,Iminyaka yakho ayinakuphela.
28. Oonyana babakhonzi bakho baya kuhlala,Imbewu yabo izimasèke phambi kwakho.