Iindumiso 102:12-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade,Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.

13. Ùya kusuk' ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane;Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo.

14. Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo,Uthuli lwayo banofefe ngalo.

15. Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova,Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;

16. Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova,Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.

17. Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo,Àkawudela umthandazo wabo.

18. Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo,Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.

19. Ngokuba úqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele;Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,

Iindumiso 102