1. Ndiya kuvuma ngenceba nangomgwebo;Ndiya kukubethela uhadi, Yehova.
2. Ndiya kuqiqa indlela yengqibelelo;Ùya kuza nini na kum?Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yamPhakathi kwendlu yam.
3. Andiyi kubeka phambi kwamehlo amNto inobutshijolo.Ukwenza ngokunxaxha ndikuthiyile,Akuyi kunamathela kum.
4. Intliziyo ejibilizayo iya kukhwelela kude kum;Into embi andiyi kuyazi.
5. Omhlebayo ummelwane wakhe ngasese,Lowo ndiya kumbhangisa.Omehlo aqwayingileyo, ontliziyo igungubeleyo,Lowo andinakumthwala.