Iindumiso 1:3-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi,Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo,Ogqabi lawo lingabuniyo;Konke akwenzayo kophumelela.

4. Àbanjalo abangendawo;Bòna banjengomququ ophetshethwa ngumoya.

5. Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni,Naboni ebandleni lamalungisa.

6. Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa;Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.

Iindumiso 1