Igenesis 9:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke.

4. Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla.

5. Ligazi lenu lodwa, imiphefumlo yenu ke, endiya kulibiza; esandleni sezinto zonke eziphilileyo ndiya kulibiza, nasesandleni somntu; esandleni salowo ungumzalwana wakhe, ndiya kuwubiza umphefumlo womntu.

6. Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wênziwa ngokomfanekiselo kaThixo.

7. Nina ke, qhamani nande, nilizalise ihlabathi, nande kulo.

8. Watsho uThixo kuNowa, nakoonyana bakhe ndawonye naye, ukuthi,

9. Yabonani, mna ndiyawumisa umnqophiso wam nani, nembewu yenu emva kwenu,

Igenesis 9