Igenesis 9:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UThixo wamsikelela uNowa noonyana bakhe, wathi kubo, Qhamani, nande, nizalise ihlabathi.

2. Ukoyikeka kwenu, nokuqhiphula kwenu umbilini, makube phezu kwezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, naphezu kweentaka zonke zezulu, nakwiinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nakwiintlanzi zonke zolwandle; zona zinikélwe esandleni senu.

3. Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke.

4. Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla.

5. Ligazi lenu lodwa, imiphefumlo yenu ke, endiya kulibiza; esandleni sezinto zonke eziphilileyo ndiya kulibiza, nasesandleni somntu; esandleni salowo ungumzalwana wakhe, ndiya kuwubiza umphefumlo womntu.

6. Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wênziwa ngokomfanekiselo kaThixo.

7. Nina ke, qhamani nande, nilizalise ihlabathi, nande kulo.

8. Watsho uThixo kuNowa, nakoonyana bakhe ndawonye naye, ukuthi,

9. Yabonani, mna ndiyawumisa umnqophiso wam nani, nembewu yenu emva kwenu,

10. nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho ziné, nakwizinto zonke eziphilileyo zehlabathi ezikuni; kwiinto zonke eziphume emkhombeni, ezizizinto zonke eziphilileyo zehlabathi.

Igenesis 9