4. Umkhombe wazimisa ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, phezu kweentaba zaseArarati.
5. Amanzi amana ewutha, kwada kwayinyanga yeshumi; ngeyeshumi ke, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, zabonakala iincopho zeentaba.
6. Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mané, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile;
7. wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.