3. Abuya amanzi emhlabeni, amana ebuya, awutha amanzi ekupheleni kwemihla elikhulu elinamanci mahlanu.
4. Umkhombe wazimisa ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, phezu kweentaba zaseArarati.
5. Amanzi amana ewutha, kwada kwayinyanga yeshumi; ngeyeshumi ke, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, zabonakala iincopho zeentaba.
6. Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mané, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile;
7. wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.
8. Wasusa ihobe, ukuze abone ukuba amanzi awuthile na phezu kwehlabathi.
9. Ihobe alifumanaga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.