16. Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi.
17. Yaba ngunogumbe imihla emashumi mané ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni.
18. Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi.
19. Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke.