Igenesis 50:11-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Basibona abemi belo zwe, amaKanan, isijwili esandéni sika-Atadi, bathi, Sikhulu esi sijwili kumaYiputa; ngenxa yoko kwathiwa igama laso yiAbhele-mitserayim,* ephesheya kweYordan.

12. Oonyana bakhe benza ke kuye njengokuyolela kwakhe.

13. Bamthwala oonyana bakhe, bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi, ukuba ube yindawo eyiyeyakhe yokungcwaba, kuEfron umHiti phambi kowakwaMamre.

14. UYosefu wabuyela eYiputa ke, yena nabazalwana bakhe, nabo bonke abenyuka naye beya kumngcwaba uyise, emva kokungcwaba kwakhe uyise.

15. Ke kaloku abakhuluwa bakaYosefu babona ukuba uyise wabo ufile, bathi, Azi uYosefu uya kusitshutshisa na, abubuyisele kanye na kuthi bonke ububi esimenzele bona?

16. Bathumela kuYosefu, besithi, Uyihlo wayolela phambi kokufa kwakhe, wathi,

17. Nòtsho kuYosefu ukuthi, Khawuluxolele ukreqo lwabakhuluwa bakho, nesono sabo sokuba bekwenze into embi; ngoko khawuluxolele ukreqo lwabakhozi boThixo wooyihlo. Walila uYosefu ekuthetheni kwabo kuye.

18. Baya nabakhuluwa bakhe, baziphosa phantsi phambi kwakhe, bathi, Yabona, singabakhonzi bakho.

19. Wathi uYosefu kubo, Musani ukoyika; ndisesikhundleni sikaThixo yini na?

Igenesis 50