Igenesis 5:29-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Wamthiya igama elinguNowa,* esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.

30. ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakhulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi.

31. Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anesixhenxe; wafa ke.

32. Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete.

Igenesis 5