Igenesis 49:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wababiza ke uYakobi oonyana bakhe, wathi,Zihlanganiseni ndinixelele okuya kunihlela ngemihla yokugqibela.

2. Qukanani, niphulaphule, nyana bakaYakobi,Niphulaphule uSirayeli uyihlo.

3. Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam,Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,

4. Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje;Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo,Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam.

5. USimon noLevi ngabazalwana;Ziintonga zokugonyamela izikhali zabo.

6. Egquguleni labo úze ungangeni umphefumlo wam,Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam;Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda,Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo.

Igenesis 49