2. Waxelelwa uYakobi kwathiwa, Nanku unyana wakho uYosefu esiza kuwe. Wazomeleza uSirayeli, wavuka, wahlala esingqengqelweni.
3. UYakobi wathi kuYosefu, UThixo uSomandla wabonakala kum ndiseLuzi, ezweni lakwaKanan, wandisikelela.
4. Wathi kum, Yabona, ndiya kukuqhamisa, ndikwandise, ndikwenze isikhungu sezizwe; eli lizwe ndilìnike imbewu yakho emva kwakho, libe lelakho ngonaphakade.
5. Ngako oko oonyana bakho ababini, owabazalelwayo ezweni laseYiputa, ndingekafiki kuwe eYiputa, ngabam; uEfrayim noManase baya kuba ngabam, njengoRubhen noSimon.
6. Ke othe wabazala emva kwabo, baya kuba ngabakho; baya kubizwa ngokwegama labazalwana babo elifeni labo.