24. Wabandulula ke abazalwana bakhe, bahamba; wathi kubo, Ize ningaxabani endleleni.
25. Benyuka, bemka ke eYiputa, bafika ezweni lakwaKanan kuYakobi uyise.
26. Bamxelela besithi, UYosefu usahleli; ewe, ungumphathi welizwe lonke laseYiputa. Yaqoba intliziyo yakhe, kuba ebengakholwa ngabo.
27. Bawathetha kuye onke amazwi kaYosefu, abewathethile kubo. Wazibona iinqwelo abezithumele uYosefu, ukuba zimthwale; waza waphila umoya kaYakobi uyise.
28. Wathi uSirayeli, Kwanele. UYosefu unyana wam usahleli. Ndiya kuya ndimbone, ndingekafi.