37. Wathi uRubhen kuyise, Babulale bobabini oonyana bam, ukuba andithanga ndimzise kuwe; mnikele esandleni sam, ndombuyisela kuwe mna.
38. Wathi yena, Unyana wam akasayi kuhla nani; ngokuba ufile umkhuluwa wakhe, yena usele yedwa. Ukuba Ășthe wahlelwa yingozi endleleni eniyihambayo, izimvi zam nozithobela kwelabafileyo ndinesingqala.