Igenesis 42:20-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi.

21. Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka.

22. Wabaphendula uRubhen esithi, Ndabe ndingĂ tsho na kuni ukuthi, Musani ukumona umfana? Anaphulaphula; yabonani ke, igazi lakhe liyabizwa.

23. Babengazi bona ukuba uYosefu uyeva, kuba kwakumi umkhumshi phakathi kwabo.

24. Wathi guququ, walila; wabuya weza kubo, wathetha nabo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa bekhangele.

25. Wawisa umthetho uYosefu wokuba zizaliswe iingxowa zabo ngengqolowa, imali yabo ibuyiselwe kulowo nalowo engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; kwenjiwa njalo ke kubo.

26. Bawabopha ingqolowa amaesile abo, bemka ke apho.

27. Uthe ke omnye akuyivula ingxowa yakhe, ukuba aphe iesile lakhe iindiza apho balalisa khona, wayibona imali yakhe, isemlonyeni wengxowa yakhe.

Igenesis 42