50. UYosefu wazala oonyana bababini, wabazalelwa nguAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ingekafiki iminyaka yendlala.
51. UYosefu wamthiya owamazibulo igama elinguManase;* ngokuba wathi, UThixo undenzé ndakulibala konke ukwaphuka kwam, nayo yonke indlu kabawo.
52. Owesibini wamthiya igama elinguEfrayim;* ngokuba wathi, UThixo undiqhamisile ezweni leentsizi zam.