Igenesis 41:50-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

50. UYosefu wazala oonyana bababini, wabazalelwa nguAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ingekafiki iminyaka yendlala.

51. UYosefu wamthiya owamazibulo igama elinguManase;* ngokuba wathi, UThixo undenzé ndakulibala konke ukwaphuka kwam, nayo yonke indlu kabawo.

52. Owesibini wamthiya igama elinguEfrayim;* ngokuba wathi, UThixo undiqhamisile ezweni leentsizi zam.

Igenesis 41