45. UFaro wamthiya uYosefu igama lokuba nguTsafenati-paneha, wamnika uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ukuba abe ngumkakhe. Waphuma uYosefu, walihamba ilizwe laseYiputa.
46. UYosefu wayeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukuma kwakhe phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; waphuma uYosefu ebusweni bukaFaro, walicanda lonke ilizwe laseYiputa.
47. Umhlaba wavelisa ngendiphane ngeminyaka esixhenxe yendyebo.
48. Wakubutha konke ukudla kweminyaka esixhenxe ebikho ezweni laseYiputa, wakubeka ukudla kuyo imizi; ukudla kwamasimi abewungqongile umzi, wakubeka phakathi kwawo.
49. UYosefu wayifumba ingqolowa yanjengentlabathi yolwandle, yaninzi kunene, wada wayeka ukubala, kuba ibingenakubalwa.