29. Yabona, kuza iminyaka esixhenxe yendyebo enkulu ezweni lonke laseYiputa;
30. ze kuvele iminyaka esixhenxe yendlala emva kwaleyo, ilityalwe yonke indyebo ezweni laseYiputa, indlala iligqibe ilizwe;
31. ingàziwa indyebo elizweni, ngenxa yaloo ndlala iya kubakho emva kwayo, kuba iya kuba nzima kunene.