10. UFaro wayenoburhalarhume kubakhonzi bakhe, wandinikela elugcinweni endlwini yomthetheli wabasiki, mna lo, nomphathi waboji bezonka.
11. Saphupha iphupha ngabusuku bunye, mna naye; walowo waphupha ngokutyhilwa kwephupha lakhe.
12. Kwakukho kuthi umfana ongumHebhere, isicaka somthetheli wabasiki, sasixelela, sasityhilela amaphupha ethu, samtyhilela elowo ngokwephupha lakhe.
13. Kwathi, ngokoko sisityhileleyo, kwaba njalo; mna wàndibuyisela endaweni yam, omnye lowo wamxhoma.
14. UFaro wathumela, wambiza uYosefu. Bamgidimisa ukumkhupha emhadini; wazicheba, wanxiba ngubo zimbi, weza kuFaro.
15. Wathi uFaro kuYosefu, Ndiphuphe iphupha, akukho bani unokulityhila; mna ndive kusithiwa ngawe, ùyaliva iphupha ulityhile.
16. UYosefu wamphendula uFaro, esithi, Akunam; uThixo uya kuphendula into yokumsindisa uFaro.
17. UFaro wathetha kuYosefu, wathi, Ephupheni lam, yabona, bendimi elunxwemeni lomlambo;
18. nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe etyebile, emahle, esidla engcotyeni;