6. UYosefu wangena kubo kwakusa, wabakhangela, wafika bematshekile.
7. Wababuza ababusi bakwaFaro, ababenaye elugcinweni endlwini yenkosi yakhe, esithi, Kutheni na ukuba ubuso benu bube bubi namhlanje?
8. Bathi kuye, Siphuphé iphupha; akukho ulityhilayo. UYosefu wathi kubo, Izityhilo asizezikaThixo na? Khanindixelele iphupha elo.
9. Umphathi wabangcamli wamxelela uYosefu iphupha lakhe, wathi kuye, Ephupheni lam ndibone umdiliya uphambi kwam;
10. emdiliyeni apho amasebe emathathu, wangathi wona uphuma amathupha, wadubula iintyantyambo zawo, izihloko zawo zavuthwa zaziidiliya;
11. indebe kaFaro isesandleni sam; ndizithà bathe iidiliya, ndizifaxange endebeni kaFaro, ndiyinikele indebe esandleni sikaFaro.
12. UYosefu wathi kuye, Siso esi isityhilo salo: amasebe amathathu lawo yimihla emithathu;
13. kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, akubuyisele endaweni yakho, uyinikele indebe kaFaro esandleni sakhe ngokwesiko langaphambili, oko ubungumngcamli wakhe.
14. Uze undikhumbule ke, wakulungelwa, undenzele inceba, undikhankanye kuFaro, undikhuphe kule ndlu;
15. ngokuba inene ndabiwa ezweni lamaHebhere, nalapha andenzanga nto, ukuba bandifake emhadini lo.