20. Kwathi ngomhla wasithathu, umhla wokuzalwa kukaFaro, wabenzela isidlo bonke abakhonzi bakhe, wayiphakamisa intloko yomphathi wabangcamli, nentloko yomphathi waboji bezonka phakathi kwabakhonzi bakhe.
21. Wambuyisela umphathi wabangcamli kubungcamli bakhe; wayinikela indebe esandleni sikaFaro.
22. Ke yena umphathi waboji bezonka wamxhoma, njengoko uYosefu wabatyhilelayo.
23. Umphathi wabangcamli akamkhumbulanga uYosefu, wamlibala.