Igenesis 40:20-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Kwathi ngomhla wasithathu, umhla wokuzalwa kukaFaro, wabenzela isidlo bonke abakhonzi bakhe, wayiphakamisa intloko yomphathi wabangcamli, nentloko yomphathi waboji bezonka phakathi kwabakhonzi bakhe.

21. Wambuyisela umphathi wabangcamli kubungcamli bakhe; wayinikela indebe esandleni sikaFaro.

22. Ke yena umphathi waboji bezonka wamxhoma, njengoko uYosefu wabatyhilelayo.

23. Umphathi wabangcamli akamkhumbulanga uYosefu, wamlibala.

Igenesis 40