1. Ke kaloku uAdam wamazi uEva umkakhe; wamitha, wazala uKayin,* wathi, Ndizuzé indoda ngoYehova.
2. Waphinda wazala umninawa wakhe, uAbheli;* uAbheli waba ngumalusi wezimvu, uKayin waba ngumsebenzi womhlaba.
3. Kwathi ekupheleni kwamihla ithile, uKayin wathabatha eziqhameni zomhlaba, wazisa umnikelo kuYehova.
4. UAbheli wazisa naye, ethabathe kumazibulo ezimvu zakhe, kwezinamanqatha. Waza uYehova wambheka uAbheli nomnikelo wakhe.
5. Akambheka uKayin nomnikelo wakhe. Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe.
6. Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakho?
7. Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibúthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, sílawule.
8. Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala.
9. Wathi uYehova kuKayin, Úphi na uAbheli, umninawa wakho? Wathi yena, Andazi; ndingumgcini womninawa wam, yini na?
10. Wathi, Wenzé ntoni na? Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum.