15. yathi, yakuva ndiphakamisa izwi, ndikhala, yayishiya ingubo yayo ecaleni lam, yabaleka, yaphumela phandle.
16. Wayibeka phantsi ingubo yayo ecaleni lakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini yayo.
17. Wathetha kuyo ngokwaloo mazwi esithi, Sizé kum isicaka esingumHebhere, esi usizisele sona, ukuba sidlale ngam;
18. kuthe, ndakuliphakamisa izwi lam, ndikhala, sayishiya ingubo yaso ecaleni lam, sabalekela phandle.