Igenesis 38:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngelo xesha, wehla uYuda, esuka kubazalwana bakhe, waya wayimisa intente yakhe ngakwindoda yaseAdulam, egama linguHira.

2. UYuda wabona khona intombi yendoda engumKanan, egama linguShuwa; wayizeka, wayingena.

3. Yamitha, yazala unyana; wathi igama lakhe nguEre.

4. Yabuya yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguOnan.

5. Yabuya yaphinda yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguShela; wayeseKezibhi ukumzala kwakhe.

6. UYuda wamzekela uEre, amazibulo akhe, umfazi ogama linguTamare.

Igenesis 38