1. Ke kaloku uYakobi wahlala ezweni lokuphambukela kukayise, ezweni lakwaKanan.
2. Yiyo le ke inzala kaYakobi. UYosefu, engominyaka ilishumi linesixhenxe ezelwe, wayesalusa impahla emfutshane ndawonye nabakhuluwa bakhe; yena ke, engumfana, wayenoonyana bakaBhiliha, noonyana bakaZilipa, abafazi bakayise. UYosefu wazisa udaba lwabo olubi kuyise.
3. USirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke oonyana bakhe, ngokuba ebengunyana wokwaluphala kwakhe; yena wamenzela ke ingubo ende enemikhono.
4. Abakhuluwa bakhe babona ukuba uyise umthanda ngaphezu kwabo bonke, bamthiya, ababa nakuthetha naye bexolile.
5. UYosefu waphupha iphupha, wabaxelela abakhuluwa bakhe; kwaba kukhona bamthiyayo.
6. Wathi kubo, Khanilive eli phupha ndiliphuphileyo.