Igenesis 36:9-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Yiyo le ke inzala kaEsawu, uyise wamaEdom, entabeni yakwaSehire.

10. Ngawo la ke amagama oonyana bakaEsawu: nguElifazi, unyana ka-Ada, umkaEsawu; nguRehuweli, unyana kaBhasemati, umkaEsawu.

11. Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefo, noGatam, noKenazi.

12. UTimna ebelishweshwe likaElifazi, unyana kaEsawu, wamzalela uElifazi uAmaleki;

Igenesis 36