Igenesis 36:17-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ngabo aba oonyana bakaRehuweli, unyana kaEsawu: sisikhulu esinguNahati, isikhulu esinguZera, isikhulu esinguShama, isikhulu esinguMiza; zizo ezo izikhulu zakwaRehuweli ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.

18. Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, umkaEsawu: sisikhulu esinguYehushe, isikhulu esinguYalam, isikhulu esinguKora; zizo ezo izikhulu zakwa-Aholibhama, intombi ka-Ana, umkaEsawu.

19. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, zizo ezo izikhulu; nguEdom ke lowo.

20. Ngabo aba oonyana bakaSehire umHori, ababemi kwelo zwe: uLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna,

21. noDishon, noEtsere, noDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, oonyana bakaSehire, ezweni lakwaEdom.

22. Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna.

23. Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam.

24. Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.

25. Ngabo aba oonyana baka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.

Igenesis 36