Igenesis 35:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli.*

16. Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe.

17. Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba naló ngunyana wakho.

18. Kwathi ekuphumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni* igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin.*

19. Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.

20. UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli nanamhla.

21. USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere.

22. Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, waya uRubhen, wamlala uBhiliha, ishweshwe likayise; weva ke uSirayeli.Oonyana bakaYakobi babelishumi elinababini.

23. Oonyana bakaLeya nguRubhen, owamazibulo kuYakobi, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon.

24. Oonyana bakaRakeli nguYosefu noBhenjamin.

Igenesis 35