Igenesis 34:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uDina, intombi kaLeya, leyo wayizalela uYakobi, waphuma waya kubona iintombi zelo zwe.

2. UShekem, unyana kaHamore umHivi, isikhulu selizwe, sambona, samthabatha, salala naye, samona.

3. Umphefumlo wakhe wanamathela kuDina intombi kaYakobi; wayithanda intombi leyo, wathetha kakuhle nentombi.

4. UShekem wathetha kuHamore uyise wathi, NdĂ­zekele le ntombi ibe ngumfazi.

5. Weva uYakobi ukuba umenze inqambi uDina, intombi yakhe. Ke oonyana bakhe baye besempahleni yakhe endle; wathi tu ke uYakobi, bada bafika.

Igenesis 34