Igenesis 32:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wabawisela umthetho esithi, Nòthi ukuthetha enkosini yam uEsawu, Utsho umkhonzi wakho uYakobi ukuthi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndalibala khona kwada kwangoku;

5. ndineenkomo, namaesile, nempahla emfutshane, nabakhonzi, nabakhonzazana; ndithumèle ukuxelela inkosi yam, ukuze indibabale.

6. Abathunywa babuyela kuYakobi besithi, Sifikile kumkhuluwa wakho uEsawu, naye uyeza kukukhawulela, enamadoda angamakhulu omané.

7. Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini.

8. Wathi, Ukuba uEsawu uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.

Igenesis 32