23. Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.
24. UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.
25. Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo.
26. Yathi, NdÃndulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.