Igenesis 32:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYakobi wahamba ngendlela yakhe; zaqubisana naye izithunywa zikaThixo.

2. Wathi uYakobi akuzibona, Ngumkhosi kaThixo lo; wathi igama laloo ndawo yiMahanayim.*

3. Ke kaloku uYakobi wathuma abathunywa phambi kwakhe, baya kuEsawu, umkhuluwa wakhe, ezweni lakwaSehire, emhlabeni wakwaEdom.

Igenesis 32