4. UYakobi wathumela, wabiza uRakeli noLeya, ukuba beze endle empahleni yakhe emfutshane.
5. Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ubenam.
6. Niyazi nina, ukuba uyihlo ndimkhonze ngamandla am onke;
7. ke uyihlo undidephisele, wawuguqula umvuzo wam kalishumi; kodwa uThixo akamvumelanga ukuba andenze into embi.
8. Xa athe, Enala yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enala; xa athe, Enemizila yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enemizila.
9. Wayihlutha uThixo imfuyo kayihlo, wandinika.
10. Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose.
11. Sathi isithunywa sikaThixo kum ephupheni, Yakobi; ndathi, Ndilapha.
12. Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe.
13. NdinguThixo waseBheteli, apho wasithambisa khona isimiso, apho wabhambathisa ngesibhambathiso kum. Suka ngoko, uphume kweli lizwe, ubuyele ezweni lokuzalwa kwakho.
14. Baphendula uRakeli noLeya, bathi kuye, Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo?