1. Ke kaloku waweva amazwi oonyana bakaLabhan, besithi, UYakobi uzithabathile zonke izinto abenazo ubawo; ubenzé ngezinto zikabawo obu butyebi bakhe bonke.
2. Wabubona uYakobi ubuso bukaLabhan, nâbó bungenjengezolo nezolo elinye kuye.
3. UYehova wathi kuYakobi, Buyela ezweni likayihlo, kwelokuzalwa kwakho; ndoba nawe.
16-19. Ngokokuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu, kaloku ke konke akuthethileyo uThixo kuwe kwénze.Wesuka uYakobi wabakhwelisa oonyana bakhe, nabafazi bakhe, ezinkameleni. Waqhuba yonke impahla yakhe, nayo yonke ingqwebo yakhe abeyiqwebile, impahla abeyifuyile, abeyiqwebile ePadan-aram, ukuze aye kuIsake uyise ezweni lakwaKanan. ULabhan ubeye kucheba impahla yakhe emfutshane; uRakeli wayiba imilonde-kaya ebiyekayise.