Igenesis 31:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku waweva amazwi oonyana bakaLabhan, besithi, UYakobi uzithabathile zonke izinto abenazo ubawo; ubenzé ngezinto zikabawo obu butyebi bakhe bonke.

2. Wabubona uYakobi ubuso bukaLabhan, nâbó bungenjengezolo nezolo elinye kuye.

3. UYehova wathi kuYakobi, Buyela ezweni likayihlo, kwelokuzalwa kwakho; ndoba nawe.

4. UYakobi wathumela, wabiza uRakeli noLeya, ukuba beze endle empahleni yakhe emfutshane.

5. Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ubenam.

6. Niyazi nina, ukuba uyihlo ndimkhonze ngamandla am onke;

7. ke uyihlo undidephisele, wawuguqula umvuzo wam kalishumi; kodwa uThixo akamvumelanga ukuba andenze into embi.

8. Xa athe, Enala yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enala; xa athe, Enemizila yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enemizila.

9. Wayihlutha uThixo imfuyo kayihlo, wandinika.

10. Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose.

Igenesis 31