1. UIsake wambiza uYakobi, wamsikelela, wamwisela umthetho, wathi kuye, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan.
2. Suka uye ePadan-aram, endlwini kaBhetuweli unyokokhulu, uzeke khona umfazi ezintombini zikaLabhan, unyokolume.
3. Ngamana uThixo uSomandla wakusikelela, wakuqhamisa, wakwandisa, ukuze ube sisikhungu sezizwe;