Igenesis 24:47-56 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

47. Ndambuza ndathi, Ùyintombi kabani na? Wathi, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaNahore, lowo wamzalelwa nguMilka. Ndamfaka ke ijikazi lempumlo ethatheni lakhe, nezacholo ezandleni zakhe.

48. Ndathoba, ndamnqula uYehova, ndambonga uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ondikhokeleyo endleleni eyinyaniso, ukuba ndimzekele unyana wakhe intombi yomzalwana wenkosi yam.

49. Ngoku ke, ukuba niyayenzela inceba nenyaniso inkosi yam, ndixeleleni; ukuba anenjenjalo, ndixeleleni; ukuze ndibheke ekunene, nokuba kusekhohlo.

50. Waphendula uLabhan noBhetuweli, bathi, Le nto iphuma kuYehova; asinakuthetha nto kuwe, nokuba yembi nokuba yelungileyo.

51. Nanko uRebheka phambi kwakho. Mthabathe, uhambe, abe ngumfazi wonyana wenkosi yakho, njengoko akuthethileyo uYehova.

52. Kwathi, akuweva umkhonzi ka-Abraham amazwi abo, waqubuda emhlabeni kuYehova.

53. Umkhonzi wavelisa impahla yesilivere, nempahla yegolide, nezambatho, wanika uRebheka; wanika umnakwabo nonina izinto ezinconywayo.

54. Badla, basela, yena namadoda abenaye, balala, bavuka kusasa, wathi, Ndindululeni ndiye enkosini yam.

55. Wathi umnakwabo nonina, Makhe ihlale intombi nathi iintsuku nokuba zilishumi, ihambe ke emveni koko.

56. Wathi kubo, Musani ukundibambezela; uYehova uyenze yanempumelelo indlela yam; ndindululeni ndiye enkosini yam.

Igenesis 24