Igenesis 24:26-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Yathoba indoda leyo, yaqubuda kuYehova.

27. Yathi, Makabongwe uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ongayiyekelelanga inceba yakhe nenyaniso yakhe, imke enkosini yam: úthe ndisendleleni, uYehova wandikhokelela endlwini yabazalwana benkosi yam.

28. Yakhawuleza intombi leyo, yaxelela indlu kanina ngokwalá mazwi.

29. URebheka waye enomnakwabo, ogama linguLabhan; wagidima uLabhan waya endodeni leyo ngaphandle emthonjeni.

Igenesis 24