Igenesis 21:20-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. UThixo waba nenkwenkwe leyo; yakhula, yahlala entlango, yaba yintoli yakukhula, yahlala entlango yaseParan;

21. unina wayithabathela umfazi ezweni laseYiputa.

22. Kwathi ngelo xesha, wathetha uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, kuAbraham, esithi, UThixo unawe entweni yonke osukuba uyenza.

23. Ngoko ndífungele uThixo apha, ukuba akuyi kundixokisa mna, noonyana bam, nenzalo yam; wòthi ngokwenceba endiyenzileyo kuwe, wenze kum, nakwilizwe ophambukele kulo.

24. Wathi uAbraham, Mna ndofunga.

25. UAbraham wamohlwaya uAbhimeleki ngenxa yequla lamanzi elalihluthwe ngabakhonzi baka-Abhimeleki.

26. Wathi uAbhimeleki, Bendingazi ukuba yenziwe ngubani na le nto; nawe ube ungandixelelanga; nam bendingayivanga, ndiyiva namhla.

27. UAbraham wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, wanika uAbhimeleki, benza umnqophiso bobabini.

28. UAbraham wamisa amathokazi ezimvu asixhenxe omhlambi, aba wodwa.

29. Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ayintoni na la mathokazi ezimvu asixhenxe uwamisileyo odwa?

Igenesis 21