4. Makhe kuthatyathwe intwana yamanzi, nihlambe iinyawo zenu, ningqengqe phantsi komthi lo;
5. ndíthabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu; kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu. Athi, Yenza ngoko uthethe ngako.
6. Wakhawuleza uAbraham, waya ententeni kuSara, wathi, Khawuleza, uxovule iiseha* ezintathu zomgubo ocoliweyo, wenze amaqebengwana ezonka.
7. Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lilungile, wanika umfana, wakhawuleza ukulilungisa.
8. Wathabatha amasi, nobisi, nethole lenkomo abelilungisile, wabeka phambi kwawo, wema ngakuwo phantsi komthi lowo, adla.
9. Athi kuye, Úphi na uSara umkakho?