17. Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza?
18. Kanti uAbraham uya kuthi abe luhlanga olukhulu, olunamandla, zisikeleleke ngaye iintlanga zonke zehlabathi.
19. Kuba ndazé yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye.
20. Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,
21. ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi.