14. Ngenxa yoko walithiya elo qula igama lokuthi liQula likaPhila-ebonile; nâlo phakathi kweKadeshe neBherede.
15. UHagare wamzalela uAbram unyana; uAbram ukumthiya igama unyana wakhe, lowo abemzalele yena uHagare, wathi nguIshmayeli.
16. UAbram ubeminyaka imashumi asibhozo anamithandathu ezelwe, oko uHagare wamzalelayo uAbram uIshmayeli.